The police in Nongoma, KwaZulu-Natal ask the community to help in the search of a missing girl…

We appeal to anyone who may have information on the whereabouts of Amanda to call the Warrant Officer on 076 459 4255 or 035 836 1039 or Crime Stop on 08600 10111

CAPE TOWN – Amapolisa akwaNongoma, KwaZulu Natal ngoLwesine acele abahlali ukuba bancedise ekukhangeleni intombazana elahlekileyo.

Isithethi samapolisa uThembeka Mbhele, uthe uAmanda Nonhle Madela oneminyaka elishumi elinesibini wagqityelwa ukubonwa ngabamelwane ngoLwesihlanu umhla weshumi elinesithathu kule nyanga, ehamba kunye nentombi yomelwane eneshumi elinesithathu leminyaka.

UMbhele uthe, “ummangali uye waxelelwa ngamakhwenkwana asebumelwaneni ukuba uAmanda uhambe nonomyayi womnye walamakhwenkwe.

“Ummangali uyitsalele inombolo leyo kodwa yaphakanyiswa nje akwabikho mntu uphendulayo.”

Ukuqhubela phambili, uAmanda uye watsalela umama wakhe umnxeba ngoMgqibelo umhla weshumi elinesine, wamxelela ukuba uyabuya kodwa zange kube kanti uyabuya.

Ngokokutsho kwabamelwane, wayenxibe ilokhwe emfutshane engwefu kunye nezihlangu eziluhlaza. Uneenwele ezimfutshane ezimnyama, uneendlebe ezinkulwana, amehlo antsundu kwakunye nebala elintsundu.

“Sibhenela kuye nabanina onokuba nolwazi ngendawo akuyo uAmanda ukuba atsalele uWarrant Officer Mkhonza ku 076 459 4255 okanye 035 836 1039 okanye uCrime Stop ku 08600 10111,” utshilo uMbhele. 

– African News Agency (ANA)

Categories: News